Vukani Community Radio
Namhlanje I Organisation ye youth Life eneminyaka eyi 22 iqhuba ibindwendwele ulutsha lwaseCala kwiholo loluntu phantsi komasipala Isakhisizwe lombutho ugxile kuphuhliso lwezakhona nasekuphuculeni ulutsha kuluntu lwasemaphandleni ukuzama ukwehlisa izinga lentswela ngqesho.
Lombutho namhlanje ubukhatshwe yi NYDA, PYEI, Education kwakunye ne National Skills Authority ukuzonikeza ngamathuba emisebenzi kulutsha lwaseCala.
 
Othethela i-Youth Life u-Letlohonolo Nyembe uthi kuleminyanaka ingama-22 beqhuba lombutho bagxile ekunikeni ulutsha uqeqesho kwabo banebanga leakymi nabangenaye umetriki abakwazi ukusebenza ngezandla.
 
Loka Nyembe uthi kukhethekile ukuza kwabo eCala namhlanje nanjengoko ongusihlalo wabo u-Asanda Luwaca wathi wazalelwa khona nocele ukuba kuzonikwa ithemba kwabo kudala bekhangela imisebenzi de balahlekelwa lithemba yaye bayenza lenkqubo kuba iCala iyindawo esemaphandleni inkqubo zikaRhulumente zifika kade.
 
Enye yenjongo zokuqeshwa kolulutsha kukuba bancedise ootishala kwizikolo zaseCala njengoko umninzi umsebenzi abajongene nawo.
 
Abo bakhethiweyo kulenkqubo balindeleke ukuba basebenze iiyure ezine ngosuku, iintsuku ezine kwiveki kwixesha elibalelwe iinyanga ezintandathu.
 
Olulutsha luzokunikezwa amacard abazokuthi bafumane kuwo imali yabo (stipend) isizathu seYouth Life sokwenza lama Card kukwenzela ukuba ababasebenzi batsha bangalahlekelwa sisibonelelo sabo sikaRhulumente se-R370.
U-Letlohonolo uthi balindele utshintsho kolulutsha xa kuphela lenkqubo.
 
Story and Photos: Nikilitha Burn
 
 
 
 
 
 
 
 
 

Written by:

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *