Abahlali belokoshi iJoe Slovo kuCofimvaba kumasipala Intsika
Yethu namhlanje bavuke bangena endleleni bebambe umngcelele ozolileyo nalapho bekhalela ukungabikho kwamanzi, besithi bazithumele zaliqela izikhalazo kwi ofisi kamasipala wesithili iChris Hani nowasekuhlaleni Intsika Yethu.
Ngokutsho kongumhlali akukho nzame bangayenzanga ukuthetha nomasipala wesithili ngengxaki yamanzi abajongene nayo kodwa akukho cebo liphumelelayo, esithi bade bacela noceba ukuba akhe enze ungenelelo ukukhangela umonakalo ngalengxaki.
Lo mhlali uthi abalwanga namntu koko bafuna nje amanzi kwaye umngcelele wabo ngozolileyo.
Ingxelo ithi iminyaka engapha kwesine agqibela ukubakho ngendlela ephucukileyo amanzi kule lokishi, nalapho umasipala wanikezela ngetanki elinye elingakwaziyo ukuthwala umthamo owaneleyo wamanzi.
Abahlali bathi bacela impendulo ngokunikwa amanzi ngumasipala.
Bakwatyhola ngelithi le truck yamanzi iziswa ngumasipala ukuba izokugcwalisa elitanki iza ngexesha elithandwa yiyo nanjengoko ikhe ingafiki xa ithanda.
Icala likamasipala wesithili sizakubuya nalo kungekudala malunga nesikhalazo soluntu.
Story and Photos: